8. Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalazé igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.
9. Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon* igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.
10. Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
11. Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.
12. Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.
13. Ùya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.