1 Izikronike 19:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe.

2. Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.

3. Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ùcinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe àbezé kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?

4. Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.

1 Izikronike 19