1 Izikronike 18:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.

3. UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.

4. UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.

5. Ke ama-Aram* aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.

6. UDavide wamisa ikampu kwa-Aramdamasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.

7. Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem;

8. naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu.

9. Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha, wathuma uHadoram,

10. unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu.

11. Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.

12. UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa.

1 Izikronike 18