1 Izikronike 10:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.

2. AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.

3. Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.

4. Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Àkavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.

5. Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.

6. Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye.

7. Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.

1 Izikronike 10