36. Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.
37. Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye.
38. Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”
39. Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi:
40. “UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,‘ndize ndibaphilise.’ ”
41. UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.
42. Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo.
43. Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.
44. Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo.
45. Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.
46. Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
47. Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.
48. Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
49. Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na.