54. Ke ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni kwelakwaJuda, kodwa wemka waya ngasentlango, kwidolophu ekuthiwa yeyakwaEfrayim, wahlala khona apho enabafundi bakhe.
55. Itheko lamaJuda ekuthiwa *yiPasika, lalisondele; baza ke baba baninzi abaphuma kuloo mimandla, besiya eJerusalem ngaphambi kwePasika, ukuze bazihlambulule.
56. Babemfuna uYesu; baza bathi bakuhlangana endlwini kaThixo, bamana bebuzana besithi: “Nithini na? Makube akezi ePasikeni?”
57. Ababingeleli abaziintloko nabaFarasi babeyalele okokuba ukuba kukho bani waziyo apho uYesu akhoyo, kufuneka axele, ukuze bambambe.