Uyohane 11:54-57 Ibhayibhile (XHO96)

54. Ke ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni kwelakwaJuda, kodwa wemka waya ngasentlango, kwidolophu ekuthiwa yeyakwaEfrayim, wahlala khona apho enabafundi bakhe.

55. Itheko lamaJuda ekuthiwa *yiPasika, lalisondele; baza ke baba baninzi abaphuma kuloo mimandla, besiya eJerusalem ngaphambi kwePasika, ukuze bazihlambulule.

56. Babemfuna uYesu; baza bathi bakuhlangana endlwini kaThixo, bamana bebuzana besithi: “Nithini na? Makube akezi ePasikeni?”

57. Ababingeleli abaziintloko nabaFarasi babeyalele okokuba ukuba kukho bani waziyo apho uYesu akhoyo, kufuneka axele, ukuze bambambe.

Uyohane 11