Umsebenzi Wabathunywa 27:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Sacanda kulwandle olungaseKiliki nasePamfili, saya kungena eMira kummandla waseLikiya.

6. Apho umphathi-butho wafumana inqanawa eyayiza kuya eItali, ivela eAlesandriya, sangena kuyo.

7. Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone.

8. Salugudla unxweme, sihamba nzima, saya kungena kwindawo ekuthiwa ngamaChweba aMahle, eyayingekude kwidolophu iLaseya.

9. Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso:

10. “Madoda, ndibona ukuba luza kuba nengozi uhambo lwethu ukusuka apha. Umthwalo uza konakala kakhulu, nenqanawa yaphuke, kufe nabantu.”

11. Kodwa umphathi-butho zange ayihoye le ntetho kaPawulos, wasuka weva into ethethwa ngumphathi woomatiloshe, nomnini-nqanawa.

12. Isikhululo-nqanawa eso sasingàkulungele ukuba kungáchithwa ubusika kuso, lwaye uninzi lwamadoda lufuna ukuba kungenwe elwandle, kulingwe ukuya kufika eFenike, ukuba kwakunokwenzeka. Esi sikhululo-nqanawa saseKrete, siziwa ngumoya wasemzantsi-ntshona kunye novela emntla-ntshona, kwakunokuhlalwa kuso ebusika.

13. Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete.

Umsebenzi Wabathunywa 27