Umsebenzi Wabathunywa 27:42-44 Ibhayibhile (XHO96)

42. Amajoni wona aceba ukuwabulala amabanjwa, ukuze angadadi azimele.

43. Kodwa umphathi wawo, efuna ukusindisa uPawulos, wawanqanda. Endaweni yaloo nto wathi amadoda akwaziyo ukudada makangene emanzini, adadele elunxwemeni;

44. baze abaseleyo balandele, bedada ngamaplanga, nangezinye izinto ababenokuzifumana. Xa sisonke ke sasinda ngaloo ndlela, saya kufika elunxwemeni singenawo nomkrwelo.

Umsebenzi Wabathunywa 27