3. Sagaleleka eSidon ngemini elandelayo. UJuliyo wamphatha ngobubele uPawulos, wamvumela ukuba aye kubona abalingane bakhe, khon' ukuze bamtende.
4. Sanduluka apho, sathi kuba umoya wawusityhala uvela ngaphambili, sahamba ngecala langasempuma yeSipro, elalingenamoya.
5. Sacanda kulwandle olungaseKiliki nasePamfili, saya kungena eMira kummandla waseLikiya.
6. Apho umphathi-butho wafumana inqanawa eyayiza kuya eItali, ivela eAlesandriya, sangena kuyo.
7. Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone.
8. Salugudla unxweme, sihamba nzima, saya kungena kwindawo ekuthiwa ngamaChweba aMahle, eyayingekude kwidolophu iLaseya.
9. Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso:
10. “Madoda, ndibona ukuba luza kuba nengozi uhambo lwethu ukusuka apha. Umthwalo uza konakala kakhulu, nenqanawa yaphuke, kufe nabantu.”