13. Endleleni apho, emini emaqanda, mhlekazi, ndabona ukukhanya okubengezela ngaphezu kokukhanya kwelanga, kuvela esibhakabhakeni, kundibengezelela ngeenxa zonke, naloo madoda ndandihamba nawo.
14. Xa sisonke sawa phantsi, ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere, lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni? Uyazenzakalisa ngezi nkani zakho!’
15. ‘Ungubani, Nkosi?’ ndabuza ndatsho. Yathi iNkosi: ‘Mna ndinguYesu, lo umtshutshisayo.
16. Vuka ume ngeenyawo. Ndibonakala kuwe ngesi sizathu sokuba ndikumisele ube sisicaka sam, ungqine kwabanye abantu ngokundibona kwakho namhlanje, nangezinto endisaza kukubonisa zona.
17. Ndikuhlangula kumaSirayeli nasezintlangeni; phofu ndikuthuma kwakuzo,