28. “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”
29. Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
30. Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.
31. UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?
32. Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:“ ‘Sanombelela, naza anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
33. “Kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, naza nina nathi: ‘Unendimoni.’
34. Ufikile ke yena *uNyana woLuntu, esidla, esela; naza nina nathi: ‘Khanibone, nanku umntu onyolukileyo, oyindlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu *naboni!’
35. Kambe ke ubulumko bukaThixo bubonakaliswa buyinyaniso kubo bonke ababamkeleyo.”
36. *UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni.