21. “Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele.
22. Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
23. “Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.”
24. “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’
25. Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe;
26. ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.”
27. Ke kaloku ekuzithetheni kukaYesu ezi zinto, kwavakala umfazi esihlweleni apho, esithi kuye: “Unoyolo umfazi owakuzalayo nowakwanyisayo.”
28. Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”
29. Kuthe isihlwele simxinanisile, uYesu wathi: “Esi sisizukulwana esikhohlakeleyo; sifuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona;
30. kuba, njengokuba uJona waba ngumqondiso kwabaseNiniva, uya kuba nguwo *uNyana woLuntu kwesi sizukulwana.
31. Ngomhla womgwebo ukumkanikazi waseZantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
32. Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona,Jona 3:4-5 kanti ke omkhulu kunoJona nanku apha.”
33. “Akukho mntu uthi, esilumekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo okanye phantsi kwesitya; usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.
34. Isibane somzimba liliso. Xa ke iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe alalunga, umzimba wakho usebumnyameni.