1. Nanku umlomo kaNdikhoyo: “Ngelo xesha amathambo ookumkani bakwaJuda, naweendwalutho zalapho, awababingeleli kunye nabashumayeli kwakunye nabemi baseJerusalem, aya kukhutshwa emangcwabeni.
2. Aya kubhencwa elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini ababezithanda bezikhonza, bekhokelwa zizo, bebuzisa kuzo, benqula zona. Aya kuthi saa phezu komhlaba oku kwamalongwe, angafihlwa bani.