33. Hayi ke indlela orhaqaza ngayouleqeka emva kwezithandwa zakho!Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.
34. Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa,ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.
35. Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa;uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwayanaxa usithi akwenzanga sono.
36. Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho?IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.
37. Uya kuyishiya iJiputa unyoshoza ludano.Mna Ndikhoyo ndibalahlile abo uthembele kubo;akukho nto baya kukuphumelelisa kuyo.