1. “Phulaphula, Yakobi sicaka sam,wena Sirayeli endimnyulileyo,
2. uthi *uNdikhoyo, umenzi wakhoowakubumba esizalweni,yena owahlala ekunceda:Ungabi naxhala, Yakobi sicaka sam;ungumnyulwa wam endimthandayo.
3. Ndowuphokozel' amanzi umhlaba onxaniweyo,kuqukuqele imilambo enkangala,inzala yakho ndiyithululele uMoya wam,intsikelelo yam ifukame phezu kwayo.
4. Iya kuhluma njengengca eludadeni,njengemingcunube phezu komlambo.
5. Uthile wothi: ‘NdingokaNdikhoyo;’omnye azibandakanye nendlu kaYakobi;wumbi agximfizwe ‘Ndikhoyo’ esandleni,naye azibize ngokuba ngumSirayeli.”
6. UNdikhoyo uKumkani kaSirayeli noMkhululi wakhe,nditsho uSomandla-onke, uthi:“Ndingowokuqala;ndikwangowokugqibela;akukho Thixo wumbi ngaphandle kwam.
7. Kakade ngubani onjengam? Makavele!Makakuvakalise kaloku okwênzekáyookoko ndamisela abantu bam mandulo.Makazixele iziganeko ezizayo;ewe, makazixele!
8. Sanukuphakuzela, musan' ukuxhalaba;kaloku ndatsho kwamandulo, unangoku ke.Kambe nina ningamangqina am.Ngaba kukho Thixo wumbi na?Ngaba likho na elinye iXhadi?Unotshe! Mna andizange ndilibone.”
9. Akanto yanto umntu oqingqa *umfanekiso; naloo mfanekiso azidla ngawo yimfeketho. Abo bayithelelayo ziimfama; abaliqondi ihlazo labo.
10. Kunceda ntoni ukuqingqa umfanekiso uwenze *uthixo?
11. Wonke umntu owenza loo nto uhlazekile. Andithi na kaloku le mifanekiso iqingqwa ngabantu? Mabeze enkundleni kaloku, uya kubona bosuka barhwaqele – abakho lihlazo.
12. Umkhandi uthatha ubhedu, alusebenze ngomlilo. Ngezo zigalo zakhe uthatha isando, alukhande elulungisa. Esasebenza njalo uyanxanwa, uyalamba, uyadinwa, yonke loo nto.
13. Kanti ke umchweli uyawulinganisa umthi. Uzoba loo nto afuna ukuyenza ngetshokhwe; usebenzisa izixhobo zakhe ewukrola, aze ke akhuphe into efana nomntu (inzwana yomfo) ayithathe ayifake endlwini.
14. Ehlathini phaya uthatha nawuphi na umthi; ingangumsedare, um-oki, okanye ipayini. Kanti usengatyala nawuphi na umthi, awulinde ukhuliswe yimvula.
15. Inxalenye yomthi umntu uyayithatha abase enze umlilo, aze kwangaloo mthi enze umfanekiso awunqule. Ewe, wotha umlilo awubase ngomthi; aze kwalapho apheke isonka atye; kanti ngenxalenye yaloo mthi uza kwenza umfanekiso, awunqule esithi nguthixo.
16. Kwangaloo mthi uyabasa, ose inyama, atye ade adikwe. Ewe, wotha umlilo ade ancome athi: “Kutsho kwamnandi; kufudumele.”