Uisaya 26:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Yena ngumthobi wabakhukhumeleyo,asichitha-chithe nesixeko esomeleleyo,iindonga zidilike zibe luthuli,

6. baze abacinezelwa nabo basixovule,ewe, basixangxathe ngeenyawo.

7. Indlela yamalungisa ngumthebelele;wena othe ngqo uyayilungiselelanisa indlela yawo.

8. Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,sihlala sijonge kuwe;umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

9. Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.Xa ulohlwaya ihlabathiabemi balo bafunda ngobulungisa.

10. Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali;kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa.Sona siyona nakwilizwe lamalungisa;asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.

11. Abachasi bakho, Ndikhoyo, abaqondi ukuba uyohlwaya;bahlazise ubayekele ngeenzima.Masibe phezu kwabo isohlwayo,ubabonise ikhwele onalo ngabantu bakho.

Uisaya 26