Uisaya 14:3-22 Ibhayibhile (XHO96)

3. Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,

4. niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:Yaz'ba utshitshe njani na lo mcinezeli!Ewe, akukho nkang' idubul' ingethi.

5. UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.

6. Nditsho lo ubuntlekez' abantu ngolunyakazi,obusitsho ngezithong' ezingaphelele ndawo,obutyakaty' izizwe ngengcwangu nengqumbo,owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.

7. Ngok' ihlabathi lixhaml' ikhefu ngenzolo,suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.

8. Kuvuya nditsho nemithi eLebhanon phaya;ewe, imipayini nemisedare iyakugcolodela.Ithi: “Tshotsh' uwe, kumkanindini,”kuba kaloku nomgawuli utsho wasweleka.

9. Ewe, nelabafileyo litsho lazama-zama,lilungiselela ukuhlangabeza wena.Noomoya babangasekhoyo baza kukukhahlela,nditsho abo babefudula beziikumkani zezizwekungokunje nabo bayavusw' ezililini.

10. Bonke bobhekisa kuwe, bathi:“Ingaba nguwe na lo selelutywantsi?Ingaba nguwe na lo ofana nathi?”

11. Ubunewu-newu bakho namhla bugqunyelelwe,ngokunjalo nengoma yezigingci ingcwatyiwe.Ngoku umandlalo wakho ziimpethu;kukalokunje ingubo yakho seyingamanundu.

12. Khawutsho! Ukhiqwe kanjani emazulwini?Kutheni, khwezi lomso elinguBhabheli?Wen' owawufudul' ugeq' izizwengoku uthe khalakahla bhalakaxa!

13. Kaloku wawuzithuthuzel' usithi:“Mna ndosuka ndintingel' ezulwini,ndibe ngaphaya kweenkwenkwezi zikaThixo,ndilimise khona ibhotwe lam,ndingqendeve kuloo ntaba yembizo,kwintlanganiso *yezithixo,emalanda-lahla kweliphezulu.”

14. Wawusithi: “Ndonyukela emajuku-jukwini,ndize ndizifanise noPhezukonke.”

15. Kambe ke usuke watshon' engcwabeni,weyela enzonzobileni yomhadi.

16. Abo bakubonayo ke ngoku bathe nqa!Ewe, babamb' ongezantsi, bathi:“Lo asinguye na owayedidizelis' ihlabathi,intw' ibiduma zirhwaqel' izikumkani;

17. intw' eyajij' ilizwe latsho labharha,eyabhukuq' izixeko zatsho zangamabobosi,emabanjw' angazang' akhululeka?”

18. Zonk' iikumkani zezizwe ziphumle ngesihomo;iyileyo ilele kwelayo ingcwaba.

19. Kambe ke wena uyindingan' engenangcwaba;wena uyinto esidumbu sibukulwayo.Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,abaphoswe emhadini ongxondorha.Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;

20. owakh' umngcwabo soz' ufane nowabo.Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;wababopha ngentamb' enye nabakho abantu.Intw' ekhohlakele nesizukulwana sayonegama layo soze libe nto!

21. Iwu-u-u!Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,hleze bahlume, uze umvundl' uzek' indlela,hlez' eli lizwe lizale zizixeko zabo!

22. UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,ndiyicim' igama tu,kungabikho hlumelo nanzala.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.

Uisaya 14