24. Yaza yandisa kwicala elingezantsi, apho ndibone isango elijonge ngezantsi. Yenza umlinganiselo wamacala alo kwanowevaranda yalo, yafumana ufana nowamanye amasango.
25. Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
26. Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini.
27. Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.
28. Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye.