6. Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
7. UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.
8. Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.
9. Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
10. Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
11. Kaloku uThixo akanamkhethe.
12. Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.