14. Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis.
15. Ukuziphatha kwabo kubonakalisa ukuba ngemvelo bayakwazi okusemthethweni. Nezazela zabo ziyakungqina oku, kuba ngamanye amaxa ziyabagweba, zize ngawambi zibagwebele.
16. Ngokweendaba ezimnandi endizishumayelayo kuya kuba njalo mhla uThixo aya kuzigweba ngoYesu Krestu nezinto abazifihlayo abantu.
17. Uyabona wena unegama lobuJuda, wayame *ngomthetho kaMosis; uqhayisa ngoThixo;
18. uyayazi intando kaThixo; ukhonjiswe okulungileyo ngumthetho.
19. Kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiso lwâbo basebumnyameni,
20. umkhokeli weziyatha, umfundisi weentsana, kuba unawo umthetho ofumbethe ulwazi nenyaniso.
21. Ndithi wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi ngani wena? Wena uthi makungebiwa, ubelani?
22. Wena uthi makungakrexezwa, ukrexezelani? Wena ukruqukileyo zizithixo, ubelani ezindlwini zonqulo?
23. Wena ke uziqhayisayo ngokuba unomthetho, umhlaziselani uThixo ngokuwaphula umthetho?
24. “Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga,” njengoko zitshoyo *iziBhalo.
25. Ulwaluko luyanceda okunene ukuba uyawugcina umthetho kaMosis. Kodwa ukuba uyawaphula umthetho, ulwaluko lusuka lufane nokungaluki.
26. Ukuba umntu ongalukanga uyayigcina imimiselo yomthetho, uThixo uya kuthi ukungaluki kwakhe kukwaluka.
27. Nina maJuda, nangona nalukileyo, ninawo umthetho eziBhalweni, nibe noko ningawenzi, niya kugwetywa ziintlanga ezithe zingalukanga nje zawugcina umthetho.
28. UmJuda asingomJuda ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni.