9. Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
10. Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.
11. IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”
12. Ke ngoko akukho mahluko phakathi komJuda nowolunye uhlanga, kuba le Nkosi inye ikwayinkosi yabo bonke. Kaloku ibasikelela ngesisa ngendyebo yayo bonke abo bazibika kuyo,
13. kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”
14. Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo;
15. bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!”
16. Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?”
17. Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.
18. Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”