1. Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.
2. Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.
3. USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.
4. UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.
5. USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”
6. Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.
15-16. UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.