2. “Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.”
3-4. Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:
5. Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu,
6. amaHezeron, namaKarmi.
7. Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu.
8. Inzala kaPalu yayinguEliyabhi
9. noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo.
19-21. Indlu kaJuda; imizi yayo: amaShela, amaPerezi, namaZera. Isizukulwana samaPerezi ngamaHezeron namaHamuli. Isibini koonyana bakaJuda, uEre no-Onan, bafela eKanana.
22. Ke amadoda ale mizi ayengamashumi asixhenxe anantandathu amawaka, namakhulu amahlanu.
23. Indlu kaIsakare; imizi yayo: amaTola, amaPawu,
24. amaYashubhi, namaShimron.
25. Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathandathu anane amawaka, namakhulu amathathu.
26. Indlu kaZebhulon; imizi yayo: amaZerede, amaElon, namaJaleli.
27. Amadoda ale mizi ke aba ngamashumi amathandathu amawaka, namakhulu amahlanu.
28. Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.
29. Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi.
30. Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki,
31. ama-Aseriyeli, amaShekem,
32. amaShemida, namaHefere.