Amava Engqondi 9:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ndithe ndisakuwuphonononga lo mbandela ndafumanisa ukuba izenzo zamalungisa kunye nezezilumko zisesandleni sikaThixo, phofu kungekho namntu waziyo nokuba ulindelwe luthando okanye ukuthiywa na.

2. Abantu bonke isiphelo sabo sinye: amalungisa nezikhohlakali, abalungileyo [nabagwenxa], abahlambulukileyo nabanomlaza, abawenzayo amadini nâbo bangawenziyo. Umntu olungileyo ufaniswa nomoni, nalowo wenza isifungo afaniswe nowoyikayo ukwenza isifungo.

3. Ezintweni zonke ezenzeka apha phantsi kwelanga eyona imbi yile yokuba kubo bonke isiphelo sabo sinye. Iintliziyo zoonyana babantu zizele bububi; bubugeza ezintliziyweni zabo lo gama besadla ubomi – ze kuthi kamva baye kwelabafileyo.

4. Lowo usaphilayo usenethemba; kaloku nenja esaphilayo ibhetele kunengonyama efileyo.

5. Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto. Abasajonganga mvuzo, futhi ke sebelityelwe.

6. Uthando ndawonye nentiyo yabo, kunye neminqweno, kukonke nje kwafa kunye nabo. Abasoze babuye babe nenxaxheba kwizinto ezenzekayo apha phantsi kwelanga.

7. Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.

8. Maxa onke vatha ezimhlophe, nezithambiso zentloko ungaziyeki.

Amava Engqondi 9