17. Ke umlindi owayemi emboniselweni eYizereli, akubona uYehu esiza nomkhosi, wakhwaza wathi: “Nanko umkhosi usiza!”UYoram wathi: “Thumela umntu ngehashe aye kuwuhlangabeza, abuze athi: ‘Niza ngoxolo na?’ ”
18. Waphuma loo mfo ngehashe, waya kuhlangabeza uYehu, wabuza wathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”Umlindi waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa ke asibuyi.”
19. Ke ukumkani wathumela esinye isigidimi kwangehashe. Sithe ke sakufika kubo sathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”
20. Umlindi ubuye waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa asibuyi. Ke ukuqhuba ngathi kukuqhuba kukaYehu unyana kaNimshi, ngokuba uqhuba oku kwephambana.”
21. UYoram wathi: “Bopha inqwelo yam.” Ibotshiwe ke inqwelo yakhe yokulwa, baza ukumkani wakwaSirayeli uYoram nokumkani wakwaJuda uAhaziya bakhwela ezinqwelweni zabo, bahlangabeza uYehu. Bahlangana naye kuloo ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli.