2 Yookumkani 19:9-17 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ke uSenakeribhe wafumana udaba oluthi uTiraka, umKushe ongukumkani waseJiputa, nanko ehlasela iAsiriya. Ngoko ke waphinda wathumela kuHezekiya esithi:

10. “Yithi kukumkani uHezekiya wakwaJuda: ‘Musa ukukhohliswa ngulo Thixo wakho umthembileyo. Uyakuxokisa xa esithi: “IJerusalem ayiyi kuthinjwa ngukumkani waseAsiriya.”

11. Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?

12. Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangula ngani ke? Oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu base-Eden ababeseTelasare!

13. Uphi ngoku ukumkani waseHamati, nowaseArpadi, nokumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”

14. Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda, wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.

15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena wawadala amazulu kwanehlabathi.

16. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.

17. Sivile, Ndikhoyo, ukuba ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe kunye nemihlaba yazo.

2 Yookumkani 19