1. Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesixhenxe elawula uPeka unyana kaRemaliya kwaSirayeli, uAhazi unyana kaYotam ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwelakwaJuda.
2. UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.
4. Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.