5. Ngoko ke umlawuli wakomkhulu, nonolali wesixeko, amadoda amakhulu nabagcini, bathumela lo myalezo kuYehu: “Sizizicaka zakho; sizimisele ukwenza ukuthanda kwakho; asizimiselanga kumisa mntu abe ngukumkani. Nawe ke ungenza ngendlela obona ngayo.”
6. Wababhalela eyesibini incwadi uYehu, esithi: “Kaloku xa ningakum, nizimisele ukundithobela, banqumleni iintloko oonyana benkosi yenu, nize nazo, sibonane eYizereli ngomso ngeli xesha.”Amatshawe lawo ke ayengamashumi asixhenxe ekumadoda aziinkokheli zesixeko awayewakhulisa.
7. Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli.
8. Isigidimi eso ke safika samxelela uYehu sathi: “Nazi, bazizisile iintloko zamatshawe.”UYehu wayalela wathi: “Zibekeni zibe ziinqumba ezimbini phaya esangweni lesixeko kude kube ngomso kusasa.”
9. Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba?
10. Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.”
11. Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.
12. UYehu ke waphuma waya ngaseSamariya. EBhete-ekede yabelusi
13. wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?”Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”
14. Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.
15. Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.
16. UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.
17. Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.
18. UYehu wabaqokelela bonke abantu, wathi kubo: “UAhabhi wayemnqula kancinci uBhali, kodwa ke mna ndiza kumnqula kakhulu.
19. Babizeni bonke abashumayeli bakaBhali, abanquli bakhe, ndawonye nababingeleli bakhe. Makungasali namnye, kuba ndiza kumenzela idini elikhulu uBhali. Umntu othe akeza akayi kudla bomi.” Kambe ke uYehu wayesenza iqhinga lokutshabalalisa bonke abanquli bakaBhali.
20. UYehu wathi: “Abantu babizeleni kwindawo eyodwa yokunqula uBhali.” Ngenene ke babamema abantu.
21. Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.
22. UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.