2 Yeziganeko 27:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYotam waqala ukulawula eneminyaka engamashumi amabini anantlanu, waza ke wangukumkani eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.

2. Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, kambe akaxelisanga uyise ngokungena endlwini kaNdikhoyo. Kambe ke bona abantu abaziyekanga iindlela zabo zokonakala.

3. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli.

4. Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

2 Yeziganeko 27