1. Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda.
2. Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi.
3. Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile.