2 Kwabasekorinte 6:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;

7. ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.

8. Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;

9. ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;

10. nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

11. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.

12. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.

13. Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!

2 Kwabasekorinte 6