10. nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
11. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.
12. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.
13. Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!
14. Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?
15. Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo?