1. Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo.
2. Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni.
3. Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu.
4. Kuba nakuba wabulawa emnqamlezweni enenxaxheba kubuthathaka bethu, udla ubomi ngamandla kaThixo. Ngoko ke ndibuthathaka kuba ndimanywe naye, kodwa ndiyakudla ubomi naye ngamandla kaThixo. Iya kucaca ke loo nto kuni.
5. Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
6. Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna.