2 Kwabasekorinte 11:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndinekhwele ngani kanye ngale ndlela uThixo anekhwele ngayo ngani; ninjengentombi enyulu endiyendisela esokeni elinye qha, elinguKrestu.

3. Kambe ndinoloyiko hleze iingqondo zenu ziwexuleke, nikutyeshele ukuzondelela uKrestu, kanye ngalaa ndlela uEfa walukuhlwa ngayo bubuqhetseba benyoka.

4. Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.

5. Akukho nto ndisilela ngayo kwabo bathunywa benu baxabisekileyo!

6. Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.

2 Kwabasekorinte 11