2 Kasamweli 14:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. Yaye bendinoonyana ababini. Ngenye imini baxabana besemadlelweni, kwathi ngenxa yokuba kwakungekho mlamli, balwa wabethwa wafa omnye unyana wam.

7. Ngoku ke, mhlekazi, abantu basemzini wam bonke bandivukele besithi: ‘Mnikezele lo ubulele umntakwabo, khon' ukuze sibuyekeze ukufa komntakwabo lo ambuleleyo, kungabi sabakho ndlalifa.’ Ewe, bafuna ukuyicima igama impunde ebesendijonge ukuba yiyo eya kuvusa igama likayise, ivuse nomzi wakowayo.”

8. “Kulungile, ungagoduka, ndiza kunika umyalelo ngokubhekiselele kuwo lo mcimbi,” utshilo ukumkani kuloo mfazi.

9. “Mhlekazi, nkosi yam, mayibe ndim kunye nabantu bakowethu abathwele ityala ngale nto; yena ukumkani kunye nolawulo lwakhe makabe msulwa,” uqokele watsho loo mfazi waseTekowa.

10. Ukumkani wathi: “Umntu ophinde wakuthethisa uze uze naye apha kum; akasobe aphinde akuthi cha kwakhona.”

11. Umfazi lowo wathi: “Nceda, mhlekazi, uthandaze *kuNdikhoyo uThixo wakho ukuba abaphindezeli bangambulali umntwana wam, ndize ndisale ndingenanyana.”Yena wathi: “Ehleli nje uNdikhoyo, akukho bani uya kumthi cha nakancinane unyana wakho!”

12. Umfazi wathi: “Mhlekazi, nceda usivumele isicakakazi sakho, sibe nelizwi esilibhekisa kuwe.”“Ewe, thetha,” utshilo ukumkani.

13. Wathi ke loo mfazi: “Ke, mhlekazi, uyenzeleni into efana nale kangaka kubantu bakaThixo? Kaloku, mhlekazi, uzigweba ngokwakho ngale ntetho yakho, kuba kwawena akuvumi abuyele ekhaya unyana wakho obhacileyo.

14. Sonke simelwe kukufa, siphalale njengamanzi angenakubuya akhiwe. Kambe uThixo akawucimi umphefumlo, koko wenza icebo lokuba obhacileyo ambuyise.

15. Into endizise kuwe, mhlekazi, ngabantu abandisongelayo; ndiziswe lithemba lokuba uya kundenzela loo nto ndiyicelayo kuwe.

16. Bendisazi ukuba uya kundiva, mhlekazi, undihlangule kunye nomntwana wam kubantu abafuna ukusicima singabikho phakathi kwabantu abemi kumhlaba abawunikwa nguThixo ukuze ube lilifa lethu.

17. “Bendisazi ukuba uya kuthetha nje kutsho kuphele amaxhala kum, kuba wena, mhlekazi, uyakwazi ukwahlula okuhle kokubi kanye njengesithunywa sikaThixo. Wanga ke uNdikhoyo uThixo wakho angaba nawe.”

18. Kwesi sithuba ukumkani uphendule lo mfazi wathi: “Ndinombuzo endinawo; uze ungakhe ulinge undifihlele impendulo.”“Mhlekazi, ungandibuza nantoni na,” utshilo loo mfazi.

19. Ukumkani wathi: “Asikho na isandla sikaJowabhi kule nto?”Umfazi waphendula wathi: “Ngenene, ukho nje, mhlekazi nkosi yam, uchane ucwethe; okuthethileyo kunjalo; ewe, liphakathi lakho uJowabhi lo undihlohle la mazwi.

20. Kambe le nto isicaka sakho uJowabhi uyenze ngeenjongo zokulungisa. Hayi, ndincamile, mhlekazi; ulwazi lwakho lufana nolwesithunywa sikaThixo, sona sazi konke okwenzekayo elizweni.”

2 Kasamweli 14