1 Yookumkani 9:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wabo, lowo wakhupha ooyise eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”

10. Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni ezi zakhiwo zibini ziyindlu kaNdikhoyo nebhotwe likakumkani,

11. ukumkani uSolomon wanika ukumkani uHiram waseTire iidolophu ezimashumi mabini kweliya laseGalili. Kaloku uHiram lo nguye owamxhasa ngazo zonke izinto awayezifuna: imithi yomsedare, imipayini, kunye negolide.

12. Kambe ke uthe uHiram akuba esukile eTire waya kubona ezo dolophu azinikwe nguSolomon, suka azamkholisa.

13. Wabuza wathi: “Ezi dolophu undiphe zona yile mfeketho, mntakwethu?” Wazibiza ngokuba ngumhlaba waseKabhuli. Zisabizwa njalo ke unanamhla.

14. Ke uHiram lo wathumela uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kwamawaka amane eekhilogram.

15. Ukumkani uSolomon wagaya abasebenzi bonyanzelo ukuze akhe indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nokulungiselelanisa umhlaba oxhase isixeko ngasempuma, ukwakha iindonga ezijikeleze iJerusalem, nokwakha iHazore, iMegido, neGezere.

16. Kaloku ukumkani waseJiputa wayihlasela wayithatha iGezere. Wayitshisa ngomlilo, wababulala abemi bayo abangamaKanana, waza wembesa ngayo intombi yakhe eyayingumka-Solomon.

17. Ke uSolomon wabuya wayivusa iGezere. Wayakha iBhete-horon engezantsi,

18. iBhalati, neTademore entlango kwasemhlabeni wakhe,

19. ndawonye nazo zonke izixeko ezazingoovimba bakhe, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.

20. Bonke abantu ababesele kwiintlanga zama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi – ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,

21. koko zazisisizukulwana sazo ezingazange zacinywa igama ngamaSirayeli – uSolomon wagaya bona baba libutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.

1 Yookumkani 9