22. Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba zizinxiba-mxhaka kurhulumente wakhe, engamagosa, oomaqhuzu, nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
23. Amanye ke ayengamaphakathi aphambili aphethe imisebenzi kaSolomon, engamagosa angamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu awayongamele amadoda awayesenza umsebenzi.
24. Intombi yokumkani waseJiputa eyayingumka-Solomon, ithe yakuphuma kwisixeko sikaDavide, isiza kwibhotwe awayakhela lona uSolomon, uSolomon wawulungelelanisa umhlaba owawuxhase isixeko ngasempuma.
25. Kathathu ngonyaka uSolomon wayesenza amadini atshiswayo nawobudlelwane apho kwelo qonga wayelakhele uNdikhoyo, kananjalo amenzele isiqhumiso uNdikhoyo, efezekisa zonke iimfuneko zendlu kaThixo.
26. Ukumkani uSolomon wakha neenqanawa e-Eziyon-gebhere engase-Elati kwaEdom kunxweme loLwandle oluBomvu.
27. UHiram wamthumelela amadoda, izinto ezazilwazi ulwandle, ancedisa loo madoda kaSolomon ekuziqhubeni iinqanawa.
28. Baya eOfire, baza babuya negolide ebunzima bungaphezu kweshumi elinesine lamawaka eekhilogram, bayisa kuSolomon.