1 Yookumkani 5:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Akulufumana ke olu daba uHiram wavuya kakhulu, wathi: “Namhlanje makabongwe uNdikhoyo, kuba kaloku uDavide umnike isilumko sonyana ukuze asilawule esi sizwe sikhulu kangaka.”

8. Ke uHiram wathumela kuSolomon esithi: “Umyalezo wakho ndiwufumene, ndaye ke ndiza kwenza njengokuthetha kwakho, ndikugawulele imisedare nemipayini.

9. Amadoda am aya kuyithoba eLebhanon, ayise elwandle, aze ke ayenze iinyanda, ayidadise, ayise kuloo ndawo ufuna ibe kuyo. Aya kuyikhulula ke, uze wena uyithathe umke nayo. Nto oya kuyenza ke wena kukuxhasa ikomkhulu eli ngokutya.”

10. Ngale ndlela ke uHiram waxhasa uSolomon ngayo yonke imisedare nezibonda zompayini awayezifuna.

11. Ke yena uSolomon waxhasa uHiram ngokutya minyaka le: amashumi amabini eetoni zengqolowa, nesine samakhulu amawaka eelitha zamafutha omnquma acwengileyo.

12. Ngokwesithembiso sakhe ke uNdikhoyo uSolomon wamthi jize ngobulumko. Kwabakho uxolo phakathi koHiram noSolomon, baza ke benza umnqophiso.

13. Ukumkani uSolomon wavelisa umsebenzi wonyanzelo kuSirayeli ephela, waza ke wagaya amadoda angamashumi amathathu amawaka.

14. Wawafaka abolekisana ukuya eLebhanon, ngenyanga nganye kuye ishumi lamawaka. Ngoko ke ayeba semsebenzini inyanga yonke, aze ahlale zibe mbini ekhaya. Ingqwayi-ngqwayi yabo basebenzi ke yayinguAdoniram.

15. USolomon wayenamashumi asixhenxe amawaka amadoda okuthwala imithwalo, enamashumi asibhozo amawaka abaqingqi bamatye phaya ezintabeni.

1 Yookumkani 5