31. Ukumkani ke wathi kuBhenaya: “Yiya kuye, wenze njengokuthetha kwakhe. Mosele umngcwabe, ukuze mna nendlu kabawo sahlukane nobutyala ngegazi awaliphalazayo.
32. Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye.
33. Igazi labo malihlale phezu koJowabhi nezizukulwana zakhe naphakade, kambe ke kuDavide nezizukulwana zakhe, indlu yakhe nobukhosi bakhe, makuphumle uxolo lukaNdikhoyo ngonaphakade.”
34. Ngenene ke uBhenaya unyana kaJoyada waya wafika wamosela uJowabhi, waza ke wangcwatyelwa kumhlaba wakhe entlango.
35. Ke ukumkani wamisela uBhenaya unyana kaJoyada wayinjengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi, waza endaweni ka-Abhiyatare wafaka umbingeleli uZadoki.
36. Waza ke ukumkani wathumela kuShimeyi wathi: “Zakhele indlu eJerusalem, uhlale kuyo, ungaze uphume khona uye naphi na.
37. Mhla waphuma wayiwela le ntili yeKedron, uze wazi ukuba ufile, kambe ke igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.”