28. Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.
29. Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”
30. UBhenaya ke waya esibingelelweni sikaNdikhoyo, wafika wathi kuJowabhi: “Ukumkani uthi: ‘Phuma apha!’ ”Kambe ke yena waphendula wathi: “Andiphumi; ndiya kufela apha.”UBhenaya ke waya kubika olo daba kukumkani, wathi: “UJowabhi uthetha ngolu hlobo; ewe, wenjenje ukuphendula.”
31. Ukumkani ke wathi kuBhenaya: “Yiya kuye, wenze njengokuthetha kwakhe. Mosele umngcwabe, ukuze mna nendlu kabawo sahlukane nobutyala ngegazi awaliphalazayo.
32. Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye.
33. Igazi labo malihlale phezu koJowabhi nezizukulwana zakhe naphakade, kambe ke kuDavide nezizukulwana zakhe, indlu yakhe nobukhosi bakhe, makuphumle uxolo lukaNdikhoyo ngonaphakade.”
34. Ngenene ke uBhenaya unyana kaJoyada waya wafika wamosela uJowabhi, waza ke wangcwatyelwa kumhlaba wakhe entlango.