20. UBhashebha ke wathi: “Ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe; uze ungalanduli.”Ukumkani waphendula wathi: “Thetha, mama; andiyi kulandula.”
21. Waqhuba ke wathi: “Kunganjani xa uAbhishagi umShunemikazi enikelwa kumntakwenu uAdoniya abe ngumkakhe?”
22. Ukumkani uSolomon uphendule unina wathi: “Ngani ukuba uAbhishagi umShunemikazi umfunele uAdoniya? Kungcono umcelele obu bukumkani buphela – andithi kaloku yena ngumkhuluwa – abe yena exhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare noJowabhi unyana kaZeruya!”
23. Ukumkani uSolomon wafunga uNdikhoyo wathi: “Makandohlwaye uThixo nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba uAdoniya akafanga ngenxa yeli lizwi.
24. Ewe, ekho nje uNdikhoyo, lo undimiseleyo ndazinza kwisihlalo sikabawo uDavide, yena lo undenzele umlibo ngokwesithembiso sakhe, inene namhlanje uza kufa uAdoniya!”
25. Ke ukumkani uSolomon wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza wamgwaza uAdoniya, wafa.
26. Ukumkani ke wathi kumbingeleli uAbhiyatare: “Wena ke phindela emasimini akho eAnatoti. Ufanelwe kukufa, kambe ke andiyi kukubulala kwangoku, kuba yayithwalwa nguwe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo ngexesha likabawo uDavide, futhi wawuzithwele kunye nobawo iimbandezelo zakhe.”
27. Ngoko ke uSolomon wamkhiqa uAbhiyatare kububingeleli, ezalisekisa ilizwi awalithethayo uNdikhoyo eShilo malunga nendlu kaEli.
28. Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.
29. Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”