24. Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.
25. Ke kaloku uNadabhi unyana kaJerobhowam waba ngukumkani kwaSirayeli kunyaka wesibini kakumkani uAsa wakwaJuda. Ke yena walawula iminyaka emibini kwaSirayeli.
26. UNadabhi wamona *uNdikhoyo, wahamba ekhondweni likayise ngeso sono walukuhlela kuso amaSirayeli.
27. UBhayesha unyana ka-Ahiya wendlu kaIsakare wamenzela iyelenqe, waza wambetha wafa eGibheton, idolophu yamaFilistiya, xa yena uNadabhi noSirayeli ephela babeyingqingile.
28. UBhayesha ke wabulala uNadabhi kunyaka wesithathu kakumkani uAsa wakwaJuda, waza ke wangena ezihlangwini zakhe.
29. Uthe akuphatha wayingenela wayibulala yonke indlu kaJerobhowam. Ewe, akashiyanga nalo mnye osaphefumlayo umntu apha kwaJerobhowam. Wabatshabalalisa bonke ngokomlomo kaNdikhoyo ngesicaka sakhe uAhiya waseShilo.
30. Le nto yenzeka kuba uJerobhowam wôna, waza kananjalo walukuhlela uSirayeli esonweni, nto leyo ke yamcaphukisayo uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.