1 Yookumkani 12:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uRehobhowam waya eShekem, kuba onke amaSirayeli ayeye khona ukuze ammisele abe ngukumkani.

2. Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon.

3. Ewe, bamthumelela uJerobhowam, waza ke yena nebandla likaSirayeli liphela baya kuRehobhowam, bathi kuye:

4. “Uyihlo wabeka idyokhwe enzima phezu kwethu. Kambe ke wena xa unokuwenza lula umthwalo ebesiwubekwe nguyihlo, ewe kanye idyokhwe enzima abeyibeke phezu kwethu, sokukhonza.”

5. URehobhowam uphendule wathi: “Khanihambe, ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu.

1 Yookumkani 12