1 Kwabasekorinte 7:24-31 Ibhayibhile (XHO96)

24. Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.

25. Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:

26. Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo.

27. Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi.

28. Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.

29. Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo;

30. abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto;

31. abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.

1 Kwabasekorinte 7