1 Kwabasekorinte 7:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe.

11. Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.

12. Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye.

13. Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo.

14. Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo.

15. Kodwa ke ukuba lowo ungelokholwa uyahlukana nalowo ukholwayo, makayekwe. Xa kunjalo indoda leyo ikholwayo nokuba ngumfazi akabotshelelwanga. Kaloku uThixo wasibizela ukuhlala ngoxolo.

1 Kwabasekorinte 7