1 Kwabasekorinte 3:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu.

2. Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli,

3. kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu.

4. Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”?

1 Kwabasekorinte 3