Uzekariya 9:15-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.

16. Wóbasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi; ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.

17. Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.

Uzekariya 9