Uzekariya 9:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;

2. kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.

3. ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.

4. Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.

Uzekariya 9