Uzekariya 11:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. obathengi bawo bawubulalayo, bathi àbanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo àbawucongi.

6. Ngoku ba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.

7. Ndawalúsa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi.

8. Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalúsa ke umhlambi. Ndabetha bathi shwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.

9. Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.

10. Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.

11. Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.

12. Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.

Uzekariya 11