1. Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi!
2. Awuphulaphulanga lizwi; awamkelanga ngqeqesho; awukholosanga ngoYehova, awusondelanga kuThixo wawo.
3. Abathetheli bawo phakathi kwawo baziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa, ezingabeki nto ukuze ziyigunuze kwakusa.
4. Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo; ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele, bagonyamela umyalelo.
5. UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akenzi ngabugqwetha; imisó ngemisó ukumisa emhlotsheni okusesikweni kwakhe, angasileli; ke yena onobugqwetha akakwazi ukudana.